Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 6:7-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. sinelizwi lenyaniso, sinamandla kaThixo, sineentonga zobulungisa zasekunene nezasekhohlo,

8. sikuzuko nakwintswela-mbeko, sikudumo olubi nakudumo oluhle; ngathi singabalahlekisi, ukanti singabenyaniso;

9. ngathi singabangaziwayo, ukanti singabaziwayo; ngathi singabafileyo, nanku sisidla ubomi; ngathi singababethwayo, singàbulawa noko;

10. ngathi sibuhlungu, ukanti singabahlala bevuya; ngathi singamahlwempu, ukanti singabatyebisa abaninzi ke; ngathi singabangenanto, ukanti singabahlala benezinto zonke.

11. Umlomo wethu uvulekile kuni, baseKorinte; intliziyo yethu yenziwe yabanzi.

12. Anixinene kuthi, nixinene ezimfesaneni zenu.

13. Umbuyekezo ke onjalo (ndithetha njengakubantwana bam), ndithi yibani banzi nani.

14. Musani ukunxulumana nabolunye uhlobo, abangakholwayo ke; kuba kunakwabelana kuni na ubulungisa nokuchasa umthetho? Kunabudlelane buni na ke ukukhanya nobumnyama?

15. Unakuvumelana kuní na ke uKristu noBheliyali?* Unasahlulelwano siní na okholwayo nongakholwayo?

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 6