Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 6:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Sisebenzisana naye nje ke, siyaniyala, ukuba ubabalo lukaThixo ningàfumane nilwamkele;

2. kuba uthi,Ndakúva ngexesha elamkelekileyo,Ndakúsiza ngomhla wosindiso.(UIsaya 49:8)Yabonani, lingoku ixesha elamkeleke kakuhle; yabonani, ungoku umhla wosindiso:

3. kungabikho namnye esimmisela isikhubekiso, nokuba kukuwuphi na umcimbi, ukuze ulungiselelo lwethu lungabi nakubekwa bala;

4. sisuka sithi emicimbini yonke siziqondakalise ngokwabalungiseleli bakaThixo, ngokunyamezela okukhulu, sisezimbandezelweni, sisezingxakekweni, sisezingxinanweni, sinemivumbo, sisezintolongweni,

5. siseziphithiphithini, sibulaleka, singalali, sizila ukudla, sinobunyulu,

6. sinokwazi, sinokuzeka kade umsindo, sinobubele, sinoMoya oyiNgcwele, sinothando olungahanahanisiyo,

7. sinelizwi lenyaniso, sinamandla kaThixo, sineentonga zobulungisa zasekunene nezasekhohlo,

8. sikuzuko nakwintswela-mbeko, sikudumo olubi nakudumo oluhle; ngathi singabalahlekisi, ukanti singabenyaniso;

9. ngathi singabangaziwayo, ukanti singabaziwayo; ngathi singabafileyo, nanku sisidla ubomi; ngathi singababethwayo, singàbulawa noko;

10. ngathi sibuhlungu, ukanti singabahlala bevuya; ngathi singamahlwempu, ukanti singabatyebisa abaninzi ke; ngathi singabangenanto, ukanti singabahlala benezinto zonke.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 6