Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 5:5-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ke kaloku lo usisebenzele kwaloo nto nguThixo, osinike nokusinika isinyaniso sakhe uMoya.

6. Ngoko ke sihlala somelele, sisazi ukuba, sikowethu nje emzimbeni, sikude kowethu eNkosini

7. (kuba sihamba ngokholo, asihambi ngakubona);

8. somelele ke, sikholisiwe nokukholiswa kanye kukuba kude nekhaya lethu elisemzimbeni, sibekho kwikhaya lethu eliseNkosini.

9. Kungoko sizondelela ukuthi, nokuba sisekhaya, nokuba sikude nekhaya, sibe ngabakholekileyo kuyo.

10. Kuba thina aba sonke simelwe kukuthi sibonakalaliswe phambi kwesihlalo sokugweba sikaKristu, ukuze elowo azuziswe okwenziwe ngomzimba, ngoko akwenzileyo, nokuba kokulungileyo, nokuba kokubi.

11. Síkwazi njalo ke ukoyikeka kweNkosi, sizamela ukuba beyiseke abantu; síbonakalalisiwe ke kuThixo, ndiyathemba ke ukuba nakuzo izazela zenu sibonakalalisiwe.

12. Kuba asibuyi siziyaleze kuni; sininika ithuba lokuzingca ngathi; ukuze nibe nalo ilizwi ngakwabo bazingcayo ngobuso, bengazingci ngantliziyo.

13. Kuba, nokuba siyageza, kungenxa kaThixo; nokuba sinengqondo ephilileyo, kungenxa yenu.

14. Kuba lusifingile nje uthando lukaKristu, sigqibe kwelokuthi, ukuba ufele bonke emnye, ngoko bafile bonke abo;

15. wabafela ke bonke, ukuze abo badla ubomi bangabi sazidlela ubomi, babudlele owafayo wavuka ngenxa yabo.

16. Ngoko ke thina, sisusela kweli xesha, asisazi namanye ngokwenyama; nokuba ke besimazi uKristu ngokwenyama, kungoku asisamazi ngokwenyama.

17. Ngoko ke, ukuba ubani ukuKristu, usisidalwa esitsha; izinto ezindala zidlule; bonani ke, zisuke zaba ntsha izinto zonke zakhe.

18. Zonke izinto ke ziphuma kuThixo, owasixolelanisa naye ngokwakhe ngoYesu Kristu, wasinika ulungiselelo loxolelaniso;

19. olu ke lokokuba uThixo waye ekuKristu, elixolelanisa naye ngokwakhe ihlabathi, engazibaleli kubo iziphoso zabo, walimisa kuthi ilizwi loxolelaniso.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 5