Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 4:6-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ngokuba nguThixo, yena wathi ukhanyiso malukhanye ebumnyameni, okhanyisele iintliziyo zethu, ukuze kukhanye ukwaziwa kobuqaqawuli bukaThixo ebusweni bukaYesu Kristu.

7. Ke kaloku obu butyebi sibuphethe ngezitya zodongwe, ukuze incamisa yamandla ibe yekaThixo, ingaphumi kuthi.

8. Siyabandezelwa ngeenxa zonke, singaxineki; siyathingaza, singancami;

9. Sitshutshiswa, asiyekelwa; sikhahlelwa phantsi, asitshatyalaliswa;

10. sihlala sikuthwele ngomzimba ukufa kweNkosi uYesu ukuze nobomi bukaYesu bubonakalaliselwe emzimbeni wethu.

11. Kuba thina badla ubomi simana sinikelwa ekufeni ngenxa kaYesu, ukuze nobomi bukaYesu bubonakalaliselwe enyameni yethu enokufa.

12. Ngoko ke kusebenza ukufa kuthi, ke kuni kusebenza ubomi.

13. Sínawo nje ke kwaloo moya wokholo, ngokoko kubhaliweyo kwathiwa, Ndakholwa, kungoko ndathethayo: nathi ke siyakholwa, kungoko sithethayo nokuthetha;

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 4