Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 4:4-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. athe uthixo weli phakade wazimfamekisa ngaphakathi kwabo iingqiqo zabangakholwayo, ukuze singabengezeli kubo isikhanyiso seendaba ezilungileyo zobuqaqawuli bukaKristu, ongumfanekiselo kaThixo.

5. Kuba asizivakalisi thina, sivakalisa uKristu Yesu ukuba uyiNkosi; sibe ke thina sizivakalisa ukuba singabakhonzi benu ngenxa kaYesu.

6. Ngokuba nguThixo, yena wathi ukhanyiso malukhanye ebumnyameni, okhanyisele iintliziyo zethu, ukuze kukhanye ukwaziwa kobuqaqawuli bukaThixo ebusweni bukaYesu Kristu.

7. Ke kaloku obu butyebi sibuphethe ngezitya zodongwe, ukuze incamisa yamandla ibe yekaThixo, ingaphumi kuthi.

8. Siyabandezelwa ngeenxa zonke, singaxineki; siyathingaza, singancami;

9. Sitshutshiswa, asiyekelwa; sikhahlelwa phantsi, asitshatyalaliswa;

10. sihlala sikuthwele ngomzimba ukufa kweNkosi uYesu ukuze nobomi bukaYesu bubonakalaliselwe emzimbeni wethu.

11. Kuba thina badla ubomi simana sinikelwa ekufeni ngenxa kaYesu, ukuze nobomi bukaYesu bubonakalaliselwe enyameni yethu enokufa.

12. Ngoko ke kusebenza ukufa kuthi, ke kuni kusebenza ubomi.

13. Sínawo nje ke kwaloo moya wokholo, ngokoko kubhaliweyo kwathiwa, Ndakholwa, kungoko ndathethayo: nathi ke siyakholwa, kungoko sithethayo nokuthetha;

14. sisazi ukuba lowo wayivusayo iNkosi uYesu, uya kusivusa nathi ngoYesu, asimise phambi kwakhe, ndawonye nani.

15. Kuba konke oko kungenxa yenu, ukuze luthi ubabalo, lwakuba lwandile ngabona baninzi, luwuphuphumise umbulelo, use ekuzukiseni uThixo.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 4