Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 4:3-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ukuba ke zigqutyuthelwe iindaba ezilungileyo zethu, zigqutyuthelwe kwabo batshabalalayo;

4. athe uthixo weli phakade wazimfamekisa ngaphakathi kwabo iingqiqo zabangakholwayo, ukuze singabengezeli kubo isikhanyiso seendaba ezilungileyo zobuqaqawuli bukaKristu, ongumfanekiselo kaThixo.

5. Kuba asizivakalisi thina, sivakalisa uKristu Yesu ukuba uyiNkosi; sibe ke thina sizivakalisa ukuba singabakhonzi benu ngenxa kaYesu.

6. Ngokuba nguThixo, yena wathi ukhanyiso malukhanye ebumnyameni, okhanyisele iintliziyo zethu, ukuze kukhanye ukwaziwa kobuqaqawuli bukaThixo ebusweni bukaYesu Kristu.

7. Ke kaloku obu butyebi sibuphethe ngezitya zodongwe, ukuze incamisa yamandla ibe yekaThixo, ingaphumi kuthi.

8. Siyabandezelwa ngeenxa zonke, singaxineki; siyathingaza, singancami;

9. Sitshutshiswa, asiyekelwa; sikhahlelwa phantsi, asitshatyalaliswa;

10. sihlala sikuthwele ngomzimba ukufa kweNkosi uYesu ukuze nobomi bukaYesu bubonakalaliselwe emzimbeni wethu.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 4