Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 4:12-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Ngoko ke kusebenza ukufa kuthi, ke kuni kusebenza ubomi.

13. Sínawo nje ke kwaloo moya wokholo, ngokoko kubhaliweyo kwathiwa, Ndakholwa, kungoko ndathethayo: nathi ke siyakholwa, kungoko sithethayo nokuthetha;

14. sisazi ukuba lowo wayivusayo iNkosi uYesu, uya kusivusa nathi ngoYesu, asimise phambi kwakhe, ndawonye nani.

15. Kuba konke oko kungenxa yenu, ukuze luthi ubabalo, lwakuba lwandile ngabona baninzi, luwuphuphumise umbulelo, use ekuzukiseni uThixo.

16. Kungoko singethi mandla; kuba nokuba umntu wethu wangaphandle uya esonakala, usuka yena owangaphakathi aye ehlaziyeka imihla ngemihla.

17. Kuba ubukhaphukhaphu bembandezelo yethu eyeyomzuzwana busisebenzela ngokuncamise kwaphela ubuqaqawuli obukhulukazi obungunaphakade sakubon' ukuba asixuneli ezintweni ezibonwayo, sixunela kwezingabonwayo.

18. Kuba ezibonwayo zezomzuzwana, ke zona ezingabonwayo zezonaphakade.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 4