Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 2:3-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ndanibhalela ke kwakona oku, ukuze ndakufika ndingabi buhlungu ngabo bendimelwe kukuvuya ngabo; ndíkholosile ngani nonke, ukuba uvuyo lwam ikwalolwenu nonke.

4. Kuba ndanibhalela ekubandezelekeni nasekuxinezelekeni okukhulu kwentliziyo yam, ndineenyembezi ezininzi; ndingenzeli ukuze nenziwe buhlungu, ndisenzela ukuze nilwazi uthando endinithanda ngalo ngokugqithiseleyo.

5. Ke ukuba ubani wenzé kwabuhlungu, akenzé kwabuhlungu mna, wenzé ngenxenye nina nonke; nditsho ukuze ndingamcinezeli.

6. Kumanele lowo unjalo oko kumkhalimela kwábona baninzi kuni;

7. ngokokude nithi kanye senimxolela, nimthuthuzele, hleze lowo unjalo aselesuka edliwa kukuba buhlungu ngokugqithiseleyo.

8. Kungoko ndiniyalayo, ndíthi, luzinziseni uthando kuye;

9. kuba ndabhalela kona oku, ukuze ndikwazi ukucikideka kwenu, ukuba ningábevayo na ezintweni zonke.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 2