Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 2:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Mna ke okwam, ndagqiba kweli lokuba ndingabuyi ndize kuni ndibuhlungu.

2. Kuba mna ukuba ndinenza buhlungu, kusekho bani na ke ondenza ndibe nemihlali, ongenguye lowo wenziwe wabuhlungu kwandim?

3. Ndanibhalela ke kwakona oku, ukuze ndakufika ndingabi buhlungu ngabo bendimelwe kukuvuya ngabo; ndíkholosile ngani nonke, ukuba uvuyo lwam ikwalolwenu nonke.

4. Kuba ndanibhalela ekubandezelekeni nasekuxinezelekeni okukhulu kwentliziyo yam, ndineenyembezi ezininzi; ndingenzeli ukuze nenziwe buhlungu, ndisenzela ukuze nilwazi uthando endinithanda ngalo ngokugqithiseleyo.

5. Ke ukuba ubani wenzé kwabuhlungu, akenzé kwabuhlungu mna, wenzé ngenxenye nina nonke; nditsho ukuze ndingamcinezeli.

6. Kumanele lowo unjalo oko kumkhalimela kwábona baninzi kuni;

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 2