Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 13:5-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Zilingeni, ukuba niselukholweni olu na; zicikideni ngokwenu. Okanye anizazi na ukuba uYesu Kristu ungaphakathi kwenu? ukuba okunene aningabo abo bangenakucikideka.

6. Ndiyathemba ke ukuba niyakwazi, ukuba asingabo abo bangenakucikideka thina.

7. Ndithandaza ke kuye uThixo, ukuba ningenzi nanye into embi; kungekuko ukuze sibonakale sicikidekile thina, ikukuze nenze into entle nina, ke thina sibe njengabangenakucikideka.

8. Kuba asinakwenza nto ngokuchasa inyaniso; sinokwenzela inyaniso.

9. Kuba siyavuya, xa sukuba singenamandla thina, nibe nina ninamandla; sithandazela nokuthandazela oku ke, ukuba nigqibelele ukulunga.

10. Ngenxa yoko ndibhala ezi zinto ndingekho, ukuze ndingàthi, ndakuba ndikho, ndenze kabukhali ngokwegunya, endalinikwa yiNkosi ukuba libe lelokwakha, lingabi lelokuchitha.

11. Elokugqiba, bazalwana, ndithi, Vuyani, zilungiseni nigqibelele, thuthuzelekani, cingani nto-nye, zolani; wothi ke uThixo wothando noxolo abe nani.

12. Bulisanani ngolwango olungcwele.

13. Bayanibulisa bonke abangcwele aba.

14. Ubabalo lweNkosi uYesu Kristu, nothando lukaThixo, nodlelano loMoya oyiNgcwele, malube nani nonke. Amen.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 13