Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 13:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Oku kokwesithathu ndisiza kuni. Onke amazwi aya kumiswa ngomlomo wamangqina amabini, nokuba mathathu.

2. Sendixele kade, ndixela ngenxa engaphambili, njengoko ndandikho okwesibini, nanjengoku ndingekhoyo ngoku, ndibaxelela abo boné kade, nabanye bonke, okokuba xa ndithe ndabuya ndafika, andiyi kubaconga;

3. ekubeni nifuna isiganeko sokuthetha kukaKristu phakathi kwam, ongaswele amandla ngokusingisele kuni, onamandla phakathi kwenu.

4. Kuba, nakuba wabethelelwayo emnqamlezweni ngokwasekusweleni amandla, udla ubomi ngokwasemandleni kaThixo. Kuba nathi siswele amandla kuye, noko siya kudla ubomi naye ngokwasemandleni kaThixo, ngokubhekisele kuni.

5. Zilingeni, ukuba niselukholweni olu na; zicikideni ngokwenu. Okanye anizazi na ukuba uYesu Kristu ungaphakathi kwenu? ukuba okunene aningabo abo bangenakucikideka.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 13