Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 12:12-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Imiqondiso yokuba ngumpostile, inene, yasetyenzwa phakathi kwenu ngokunyamezela konke, ngemiqondiso, nezimanga, nemisebenzi yamandla.

13. Kuba yintoni na enasilela ngayo kwamanye amabandla kaThixo, ingekukuba mna ngokwam ndingabanga mthwalo kuni? Ndixoleleni oko kungalungisi.

14. Yabonani, sendilungele ukuza kuni okwesithathu; ndaye ndingayi kuba mthwalo kuni; kuba andifuni zinto zenu, ndifuna nina. Kuba asingabantwana abafanele ukuqwebela abazali, ngabazali abafanele ukuqwebela abantwana.

15. Mna ke, kuya kuba mnandi kakhulu ukuba ndichithe, ndidleke kuphele, ngenxa yemiphefumlo yenu; nakuba okukhona ndinithandayo kakhulu, kokukhona ndithandwa kancinane.

16. Kungade kube kunjalo, mna kambe andibanga mthwalo kuni; mandibe, ndinobuqhetseba nje, ndisuké ndanibambisa ngenkohliso.

17. Kukho mntu na ke kwabo ndabathumayo kuni, endanidlayo ngaye?

18. Ndamyala uTito, ndathuma umzalwana lowo kunye naye. Wanidla na ke uTito? Asihambanga moyeni mnye, yini na? Asihambanga mkhondo mnye, yini na?

19. Niyawaseniba siyaziphendulela kusini na kuni? Sithetha phambi kukaThixo, sikuKristu; sizithetha zonke ke izinto ezo, zintánda, ngenxa yokwakheka kwenu.

20. Kuba ndiyoyika, hleze ndithi ndakufika, ndinifumane ningènjengendikuthandayo, nam ndifunyanwe nini ndingènjengenikuthandayo; hleze kubekho iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iintlebendwane, iintsebezo, iinkukhumalo, iziphithiphithi;

21. hleze ndithi, ndakufika kunjalo, andíthobe uThixo wam phakathi kwenu, ndize ndikhedame ngenxa yabaninzi ababesebonile, àbaguquka ekungcoleni, nasembulweni, naseburheletyweni ababenzáyo.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 12