Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 11:26-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. ndithi ndingongaphezulu ngokuhamba okufuthi, ngeengozi zemilambo, ngeengozi zezihange, ngeengozi zamakowethu, ngeengozi zeentlanga, ngeengozi phakathi komzi, ngeengozi entlango, ngeengozi elwandle, ngeengozi phakathi kwabazalwana ababuxoki;

27. ngokubulaleka nangemigu, ngokungabi nakulala okufuthi, ngokulamba nokunxanwa, ngokuzila ukudla okufuthi, ngengqele nobuzé.

28. Ndingasazibali zona izinto ezingaphandle kwezo, ndingungélwe imihla ngemihla kukuwaxhalela onke amabandla kaThixo.

29. Ngubani na okha aswele amandla, ndingasweli mandla nam? Ngubani na okha akhutyekiswe, ndingatshiseki mna?

30. Ukuba ndimelwe kukuqhayisa, ndoqhayisa ngezinto zokuswela amandla kwam.

31. UThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, ongowokubongwa ngonaphakade, uyazi ukuba andixoki.

32. EDamasko umphathi-luhlanga ka-Areta, ukumkani, wayewulinda umzi waseDamasko, efuna ukundibamba;

33. ndaza ngekroba ndathotywa ngomnyazi eludongeni, ndasinda ezandleni zakhe.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 11