Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kutimoti 4:5-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ke wena yiba yingcathu ezintweni zonke, nyamezela ububi, umsebenzi womshumayeli weendaba ezilungileyo wénze, búzalise ubulungiseleli bakho.

6. Kuba mna sendithululwa ngokomnikelo; nalo ixesha lokunduluka kwam likufuphi.

7. Umzamo omhle ndiwuzamile, ugqatso ndilufezile, ukholo ndilugcinile.

8. Okokugqibela ndibekelwe isithsaba sobulungisa, eya kundibuyisela ngaso ngaloo mini iNkosi, umgwebi olilungisa; ingabi ndim ndedwa ke, ibe ngabo bonke abakuthandayo ukubonakala kwayo.

9. Khawuleza uze kum kamsinya;

10. kuba uDemasi wandishiya ngokuthanda iphakade langoku, waya eTesalonika; uKreske uye kwelaseGalati; uTito uye kwelaseDalmati.

11. NguLuka yedwa onam. Thabatha uMarko uze naye; kuba únokundinceda kakuhle kumsebenzi wokulungiselela.

12. Ke uTikiko ndamthumela e-Efese.

13. Ingubo endayishiya eTrowa kuKarpo, uze uyiphathe ekuzeni kwakho, neencwadi ezo, ngokukodwa ezezìntsu.

14. UAlesandire, umkhandi wobhedu, wandenza izinto ezininzi ezimbi; iNkosi iya kumbuyekeza ngokwemisebenzi yakhe.

funda isahluko epheleleyo 2 Kutimoti 4