Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kutimoti 4:15-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Mlumkele nawe; kuba wawachasa kunene amazwi ethu.

16. Kokokuqala ukuziphendulela kwam, akubangakho namnye unam, basuka bonke bandishiya; kwanga akungebalelwe kubo oko.

17. Noko ke iNkosi yandinceda, yandomeleza, ukuze ngam uvakaliso lweendaba ezilungileyo luzaliseke, neentlanga zonke zive; ndaza ndahlangulwa emlonyeni wengonyama.

18. Isaya kundihlangula yona iNkosi kuwo wonke umsebenzi ongendawo, indisindisele ebukumkanini bayo obusemazulwini; kuyo makubekho uzuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.

19. Bulisa kuPriska noAkwila, nakwindlu kaOnesiforo.

20. UErasto wasala eKorinte. Ke uTrofimo ndamshiya eMileto esifa.

21. Khawuleza uze, kungekabi sebusika. Uya kubulisa uYubhulo, noPudens, noLino, noKlawudiya, nabo abazalwana bonke.

funda isahluko epheleleyo 2 Kutimoti 4