Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kutimoti 4:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndiyaqononondisa mna ngoko emehlweni kaThixo, neNkosi yethu uYesu Kristu, oza kugweba abaphilileyo nabafileyo, kwanangokubonakala kwakhe nobukumkani bakhe:

2. livakalise ilizwi; zingisa ukwenjenjalo ngamathuba alungileyo naxakileyo; yohlwaya, khalimela, vuselela, únako konke ukuzeka kade umsindo, nokufundisa.

3. Kuba kuya kubakho ixesha abangayi kuyinyamezela imfundiso ephilileyo; baya kusuka ngokweenkanuko zabo bazifumbele abafundisi, bebaba iindlebe;

4. babeya kuzisonga zimke iindlebe kuyo inyaniso, baphambukele ke kuzo iintsomi.

5. Ke wena yiba yingcathu ezintweni zonke, nyamezela ububi, umsebenzi womshumayeli weendaba ezilungileyo wénze, búzalise ubulungiseleli bakho.

6. Kuba mna sendithululwa ngokomnikelo; nalo ixesha lokunduluka kwam likufuphi.

funda isahluko epheleleyo 2 Kutimoti 4