Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kutimoti 3:7-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. behlala befunda, bangaze phofu babe nako ukufika ekuyazini inyaniso.

8. Kwangolo hlobo ke, bàthi ooYanes noYambres bamchasa uMoses, ngokunjalo nabo aba bayayichasa inyaniso. Bangabantu abonákele iingqiqo, abangenakucikideka ngakulo ukholo.

9. Abayi kuhambela phambili ngakumbi; kuba ukungabi nangqiqo kwabo kuya kubonakala kubantu bonke, njengokuba kwaba njalo okwabaya.

10. Ke wena uyilandile eyam imfundiso, ihambo, ingqibo, ukholo, ukuzeka kade umsindo, uthando,

11. unyamezelo, iintshutshiso, iintlungu ezinjengezo zandihlelayo kwa-Antiyokwe, eIkoniyo, eListra; ukutshutshiswa okunjengoko ndakuthwalayo, yaza iNkosi yandihlangula kuko konke.

12. Nabo bonke ke abathanda ukuhlala ngokuhlonela uThixo kuKristu Yesu baya kutshutshiswa.

13. Ke bona abantu abangendawo noosiyazi, kukhona baya kuhambela phambili ebubini, belahlekisa, belahlekiswa.

14. Ke wena yima ezintweni owazifundayo, waqiniselwa kuzo, umazi owazifunda kuye;

funda isahluko epheleleyo 2 Kutimoti 3