Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kutimoti 3:10-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ke wena uyilandile eyam imfundiso, ihambo, ingqibo, ukholo, ukuzeka kade umsindo, uthando,

11. unyamezelo, iintshutshiso, iintlungu ezinjengezo zandihlelayo kwa-Antiyokwe, eIkoniyo, eListra; ukutshutshiswa okunjengoko ndakuthwalayo, yaza iNkosi yandihlangula kuko konke.

12. Nabo bonke ke abathanda ukuhlala ngokuhlonela uThixo kuKristu Yesu baya kutshutshiswa.

13. Ke bona abantu abangendawo noosiyazi, kukhona baya kuhambela phambili ebubini, belahlekisa, belahlekiswa.

14. Ke wena yima ezintweni owazifundayo, waqiniselwa kuzo, umazi owazifunda kuye;

15. nokuba ùzazé kwasebuntwaneni izibhalo ezingcwele, ezinako ukukulumkisela elusindisweni ngokukholwa kuKristu Yesu.

16. Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje, sikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka, ukuqeqesha okusebulungiseni,

17. ukuze umntu kaThixo afaneleke, exhobele wonke umsebenzi olungileyo.

funda isahluko epheleleyo 2 Kutimoti 3