Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kutimoti 2:3-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Wena ngoko bunyamezele ububi, njengomphumi-mkhosi olungileyo kaKristu Yesu.

4. Akukho namnye uthi, ephuma umkhosi, azibhijele ngemicimbi yobu bomi; ukuze amkholise lowo umnyulele ukuphuma umkhosi.

5. Nakuba ke ubani esithi azame emdlalweni, akathweswa sithsaba, ukuba akathanga azame ngokomthetho.

6. Umlimi lowo ubulalekayo, umelwe kukwamkela kuqala kwiziqhamo.

7. Ziqiqe izinto endizithethayo; iNkosi yokupha ke ingqondo ezintweni zonke.

8. Mkhumbule uYesu Kristu, engovukileyo kwabafileyo, engowembewu kaDavide, ngokweendaba zam ezilungileyo;

9. endiva ububi ngenxa yazo, kude kuse ezintanjeni, njengomenzi wobubi; ke lona ilizwi likaThixo alibotshiwe.

10. Ngenxa yoko izinto zonke ndiyazinyamezela ngenxa yabo abanyulwa, ukuze nabo bamkele usindiso olukuKristu Yesu, ndawonye nozuko olungunaphakade.

11. Lithembekile ilizwi eli: Kuba xa safa naye, sodla ubomi kwandawonye naye;

12. ukuba siyanyamezela, solawula kwandawonye naye; ukuba siyamkhanyela, naye wosikhanyela;

13. ukuba asithembekile, yena uhlala ethembekile; akanako ukuzikhanyeza.

14. Bakhumbuze ezo zinto, uqononondise emehlweni eNkosi, ukuba kungènziwa mfazwe yamazwi angancedi lutho, kuze kubhukuqeke abaphulaphuli.

15. Kukhuthalele ukuzimisa phambi koThixo úcikidekile, ungumsébenzi ongenazintloni, ulungisa ukulahlula ilizwi lenyaniso.

16. Ke zona iintetho ezingento, ezihlambelayo, zinxweme; kuba ziya kuhambela phambili kokukhona kungahloneli Thixo.

17. Nelizwi labo liya kudla njengesilonda esiqhenqethayo; abanoHimenayo noFileto,

18. abathe bona bayiphosa inyaniso, besithi uvuko seluthe lwakho, kananjalo belubhukuqa ukholo lwenxenye.

19. Noko ke limi, lithe nkqi, ilitye lesiseko likaThixo, linambhalo uthi, INkosi iyabazi abangabayo; nóthi, Mabasuke kuko ukungalungisi, bonke abalibizayo igama likaKristu.

funda isahluko epheleleyo 2 Kutimoti 2