Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kutimoti 2:19-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Noko ke limi, lithe nkqi, ilitye lesiseko likaThixo, linambhalo uthi, INkosi iyabazi abangabayo; nóthi, Mabasuke kuko ukungalungisi, bonke abalibizayo igama likaKristu.

20. Ke endlwini enkulu akubikho zitya zagolide nazasilivere zodwa; kubakho nezomthi nezomdongwe. Inxenye ke zezembeko, inxenye azizambeko.

21. Ukuba ngoko umntu uthe wazikhuphulula kwezo zinto, woba sisitya sembeko, singcwalisiwe, simlungele kakuhle umninindlu, silungiselwe wonke umsebenzi olungileyo.

22. Ke zibaleke iinkanuko zobutsha; phuthuma ke ubulungisa, ukholo, uthando, uxolo nabo bayinqulayo iNkosi ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo.

23. Yinxweme imibuzwana yobudenge engenangqeqesho, usazi ukuba izala imfazwe.

24. Ke umkhonzi weNkosi akamele kulwa; umele ukuba nokuthantamisa kubantu bonke, enokufundisa,

25. enyamezela ububi, ebaqeqesha ngobulali abo baphikayo; ukuba akangethi na kanti uThixo abaphe inguquko esa ekuyazini inyaniso, babuye baqabuke,

26. baphume esibatheni sakhe uMtyholi, ababanjiselwe ukuthanda kwakhe nguye.

funda isahluko epheleleyo 2 Kutimoti 2