Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kutimoti 2:16-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Ke zona iintetho ezingento, ezihlambelayo, zinxweme; kuba ziya kuhambela phambili kokukhona kungahloneli Thixo.

17. Nelizwi labo liya kudla njengesilonda esiqhenqethayo; abanoHimenayo noFileto,

18. abathe bona bayiphosa inyaniso, besithi uvuko seluthe lwakho, kananjalo belubhukuqa ukholo lwenxenye.

19. Noko ke limi, lithe nkqi, ilitye lesiseko likaThixo, linambhalo uthi, INkosi iyabazi abangabayo; nóthi, Mabasuke kuko ukungalungisi, bonke abalibizayo igama likaKristu.

20. Ke endlwini enkulu akubikho zitya zagolide nazasilivere zodwa; kubakho nezomthi nezomdongwe. Inxenye ke zezembeko, inxenye azizambeko.

21. Ukuba ngoko umntu uthe wazikhuphulula kwezo zinto, woba sisitya sembeko, singcwalisiwe, simlungele kakuhle umninindlu, silungiselwe wonke umsebenzi olungileyo.

22. Ke zibaleke iinkanuko zobutsha; phuthuma ke ubulungisa, ukholo, uthando, uxolo nabo bayinqulayo iNkosi ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo.

23. Yinxweme imibuzwana yobudenge engenangqeqesho, usazi ukuba izala imfazwe.

funda isahluko epheleleyo 2 Kutimoti 2