Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kutimoti 2:1-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wena ngoko, mntwana wam, yomelela elubabalweni olukuKristu Yesu;

2. uthi nezinto owazivayo kum ngamangqina amaninzi, ezo uzibeke phambi kwabantu abathembekileyo, bona baya kukulingana ukufundisa nabanye.

3. Wena ngoko bunyamezele ububi, njengomphumi-mkhosi olungileyo kaKristu Yesu.

4. Akukho namnye uthi, ephuma umkhosi, azibhijele ngemicimbi yobu bomi; ukuze amkholise lowo umnyulele ukuphuma umkhosi.

5. Nakuba ke ubani esithi azame emdlalweni, akathweswa sithsaba, ukuba akathanga azame ngokomthetho.

6. Umlimi lowo ubulalekayo, umelwe kukwamkela kuqala kwiziqhamo.

7. Ziqiqe izinto endizithethayo; iNkosi yokupha ke ingqondo ezintweni zonke.

8. Mkhumbule uYesu Kristu, engovukileyo kwabafileyo, engowembewu kaDavide, ngokweendaba zam ezilungileyo;

9. endiva ububi ngenxa yazo, kude kuse ezintanjeni, njengomenzi wobubi; ke lona ilizwi likaThixo alibotshiwe.

10. Ngenxa yoko izinto zonke ndiyazinyamezela ngenxa yabo abanyulwa, ukuze nabo bamkele usindiso olukuKristu Yesu, ndawonye nozuko olungunaphakade.

11. Lithembekile ilizwi eli: Kuba xa safa naye, sodla ubomi kwandawonye naye;

12. ukuba siyanyamezela, solawula kwandawonye naye; ukuba siyamkhanyela, naye wosikhanyela;

13. ukuba asithembekile, yena uhlala ethembekile; akanako ukuzikhanyeza.

14. Bakhumbuze ezo zinto, uqononondise emehlweni eNkosi, ukuba kungènziwa mfazwe yamazwi angancedi lutho, kuze kubhukuqeke abaphulaphuli.

funda isahluko epheleleyo 2 Kutimoti 2