Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kutimoti 1:12-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. endithi kananjalo ngenxa yeli thuba ndive obu bunzima. Noko ke andinazintloni; kuba ndiyamazi endikholiweyo nguye; kanjalo ndithi, ndeyisekile ukuba únako ukuyigcina into endimphathisileyo, ese kuloo mini.

13. Umzekelo wamazwi aphilileyo owawevayo kum, wubambe elukholweni naseluthandweni olukuKristu Yesu.

14. Loo nto intle uyiphathisiweyo, yigcine ngoMoya oyiNgcwele ohleliyo ngaphakathi kwethu.

15. Oku uyakwazi, ukuba bandinikele umva bonke abaseAsiya; abanoFigelo noHermogene.

16. Yanga iNkosi ingayenzela inceba indlu kaOnesiforo; ngokuba kwaba futhi endiphumza, akaba nazintloni nguwo umxokelelwane wam.

17. Wathi akuba eseRoma, wandifuna ngokukhuthala okukhulu, wandifumana.

18. Yanga iNkosi ingamfumanisa inceba eNkosini ngaloo mini. Nguwena waziyo kakuhle oko zingako izinto awalungiselela ngazo e-Efese.

funda isahluko epheleleyo 2 Kutimoti 1