Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kutimoti 1:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UPawulos, umpostile* kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, ngokwedinga lobomi obukuKristu Yesu, ubhalela uTimoti,

2. umntwana wakhe oyintanda; uthi, Makube lubabalo, nenceba, noxolo oluvela kuThixo uYise, noKristu Yesu iNkosi yethu.

3. Ndinokubulela kuye uThixo, endamkhonzayo kwakoomawokhulu ndinesazela esihlambulukileyo, ndíkukhumbula njengokungapheliyo, ekukhungeni kwam ubusuku nemini;

4. ndilangazelela ukunga ndingakubona, ndízikhumbula nje iinyembezi zakho, ukuze ndizaliswe luvuyo;

5. ndíkhunjuzwa nje ukholo olukuwe olungenakuhanahanisa, lona lwahlalayo kuqala kunyokokhulu uLoyisi, nakunyoko uYunike, endinyanisileyo ke ukuthi luhleli nakuwe.

6. Endithi ngenxa yelo thuba ndikukhumbuze, ukuba usikhwezele isipho sokubabalwa kwakho nguThixo, esikhoyo kuwe ngokubekwa kwezandla zam phezu kwakho.

7. Kuba uThixo akasinikanga moya wabugwala; wasinika owamandla, nowothando, nowesidima.

8. Ngoko ke musa ukuba nazintloni ngabo ubungqina beNkosi yethu, nangam, mna mbanjwa wayo; suka uve ububi kunye nam ngenxa yeendaba ezilungileyo, ngokwamandla kaThixo; owasisindisayo,

9. wasibiza ngobizo olungcwele, engenzi ngokwemisebenzi yethu, esenza ngokweyakhe ingqibo, nobabalo, esababalwa ngalo ngoKristu Yesu phambi kwamaxesha aphakade;

10. lwabonakaliswa ke ngoku ngako ukubonakala koMsindisi wethu uYesu Kristu, owakubhangisayo okunene ukufa, kodwa wabukhanyisa ubomi nokungonakali, ngazo iindaba ezilungileyo ezi;

11. endamiselwa zona mna, ndaba ngumvakalisi nompostile nomfundisi weentlanga;

funda isahluko epheleleyo 2 Kutimoti 1