Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kapetros 3:5-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Kuba oku kufihlakele kubo ngokuthanda kwabo, ukuba izulu laye likho kwakudala, nomhlaba uvele emanzini, umi ngamanzi, ngalo ilizwi likaThixo;

6. elathi ngezo zinto ihlabathi langoko lantywiliselwa ngamanzi, latshabalala.

7. Ke lona izulu langoku, nawo umhlaba lo, kwangelo lizwi ezo zinto ziqwetyelwe, zigcinelwe, umlilo, kuse kwimini yomgwebo nentshabalalo yabantu abangahloneli Thixo.

8. Le nto ke inye mayingafihlakali kuni, zintanda, ukuba phambi kweNkosi imini enye injengeminyaka eliwaka, neminyaka eliwaka injengemini enye.

9. INkosi ayilibali dinga, njengoko abathile baba iyalibala; isuka izeke kade umsindo kuthi, ingangi kungatshabalala nabani; inga bonke bangasinga enguqukweni.

10. Iya kufika ke imini yeNkosi njengesela ebusuku, eliya kuthi ngayo izulu lidlule liqhuqhumba, zithi ke iziqalelo zitshe, zichithakale, nomhlaba nayo imisebenzi ekuwo itshiswe kuthi tu.

11. Ezo zinto zonke ngoku zíchithakala nje, nimele ukuba ngabanjani na ngeehambo ezingcwele nokuhlonela uThixo;

funda isahluko epheleleyo 2 Kapetros 3