Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kapetros 3:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngoku ndinibhalela, zintanda, le ncwadi iyeyesibini, endithi kuzo zombini ndiyivuselele ingqondo yenu engcwengekileyo ngokunikhumbuza;

2. ukuba níwakhumbule amazwi abethethiwe ngenxa engaphambili ngabaprofeti abangcwele, nawo umthetho wabapostile* bethu beNkosi uMsindisi;

3. nikwazi nje oku kuqala, ukuba kuya kuza ngemihla yokugqibela abagxeki, behamba ngokwezabo iinkanuko, besithi,

4. Liphi na kaloku idinga lokufika kwakhe? Kuba kuseloko oobawo balalayo ukufa, izinto zonke zahlala zihleli zinjengokwasekuqalekeni kwendalo.

5. Kuba oku kufihlakele kubo ngokuthanda kwabo, ukuba izulu laye likho kwakudala, nomhlaba uvele emanzini, umi ngamanzi, ngalo ilizwi likaThixo;

6. elathi ngezo zinto ihlabathi langoko lantywiliselwa ngamanzi, latshabalala.

7. Ke lona izulu langoku, nawo umhlaba lo, kwangelo lizwi ezo zinto ziqwetyelwe, zigcinelwe, umlilo, kuse kwimini yomgwebo nentshabalalo yabantu abangahloneli Thixo.

8. Le nto ke inye mayingafihlakali kuni, zintanda, ukuba phambi kweNkosi imini enye injengeminyaka eliwaka, neminyaka eliwaka injengemini enye.

9. INkosi ayilibali dinga, njengoko abathile baba iyalibala; isuka izeke kade umsindo kuthi, ingangi kungatshabalala nabani; inga bonke bangasinga enguqukweni.

funda isahluko epheleleyo 2 Kapetros 3