Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kapetros 1:6-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. ekwazini ke, ukuzeyisa; ekuzeyiseni ke, umonde; emondeni ke, ukuhlonela uThixo;

7. ekuhloneleni ke uThixo, ukuthanda abazalwana; ekuthandeni ke abazalwana, ukuthanda abantu bonke.

8. Kuba xa zikhoyo ezo zinto kuni, zisanda, zinenza ukuba ninganqeni, ningabi ngabaswele isiqhamo ekuyazini iNkosi yethu uYesu Kristu.

9. Kuba lowo zingekhoyo kuye ezo zinto, uyimfama; ubona luzizi, ekulibele ukuhlanjululwa kwezono zakhe zakudala.

10. Endithi ngoko, bazalwana, makube kukhona nikhuthalele ukulwenza luqine ubizo nonyulo lwenu; kuba, nákuzenza ezo zinto, anisayi kukha nikhubeke.

11. Kuba ngokunjalo nophiwa ngokobutyebi ukungena ebukumkanini obungunaphakade beNkosi yethu, uMsindisi uYesu Kristu.

12. Kungoko ndingakuyekiyo ukuhlala ndinikhumbuza ngezo zinto, noko nizaziyo, nizimasekileyo enyanisweni leyo ikhoyo kuni.

13. Ndiba ke kububulungisa, ukuba ngalo gama ndikuló mnquba, ndinivuse ngokunikhumbuza;

14. ndisazi nje ukuba kukufuphi ukubekwa nxamnye kwaló mnquba wam, njengokuba nayo iNkosi yethu uYesu Kristu yandazisayo.

funda isahluko epheleleyo 2 Kapetros 1