Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kapetros 1:17-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Kuba wamkela kuThixo uYise imbeko nozuko, ekuzisweni kuye, bubuqaqawuli obubalaseleyo, izwi elinjengeli: Lo nguNyana wam oyintánda, endikholisiweyo mna nguye.

18. Nelo zwi ke saliva thina, lisiza liphuma ezulwini, sinaye entabeni leyo ingcwele.

19. Kanjalo sinalo nelona lizwi liqinisekileyo elilelobuprofeti, enityaphayo ukulinyamekela, linjengesibane esikhanyisa endaweni emnyama, kude kuse, liphume ikhwezi ezintliziyweni zenu;

20. nisazi oku kuqala, ukuba sonke isiprofeto sesibhalo asibikho ngokuzicombululela.

21. Kuba akukhanga kubekho siprofeto ngokuthanda komntu; báthi abantu abangcwele bakaThixo bathetha beqhutywa nguMoya oyiNgcwele.

funda isahluko epheleleyo 2 Kapetros 1