Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kapetros 1:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. USimon Petros, umkhonzi nompostile* kaYesu Kristu, ubhalela abo baluzuzileyo ukholo oluxabiso lunye nolwethu, ebulungiseni bukaThixo wethu, uMsindisi wethu uYesu Kristu:

2. uthi, Makwandiswe kuni ubabalo noxolo, ngokumazi uThixo, noYesu, iNkosi yethu.

3. Nibona nje, ukuba amandla akhe obuThixo asiphile zonke izinto ezisingise ebomini nasekuhloneleni uThixo, ngako ukumazi lowo wasibizayo ngozuko nesidima.

4. Esithé ngezo zinto, saphiwa amadinga amakhulukazi, anqabileyo, ukuze ngawo nibe ngamadlelane ngemvelo yobuThixo, nisinde ekonakaleni okukhoyo ehlabathini ngenkanuko.

5. Ewe, ngenxa yoko, nákuba niqokele ukukhuthala konke, yithini elukholweni lwenu nongezelele isidima; esidimeni ke, ukwazi;

6. ekwazini ke, ukuzeyisa; ekuzeyiseni ke, umonde; emondeni ke, ukuhlonela uThixo;

funda isahluko epheleleyo 2 Kapetros 1