Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasetesalonika 5:18-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Ezintweni zonke bulelani; kuba oko kukuthanda kukaThixo kuKristu Yesu ngani.

19. UMoya musani ukumcima.

20. Iziprofeto musani ukuzenza into engento.

21. Izinto zonke zicikideni, nibambe leyo intle.

22. Khumkani kuzo zonke iintlobo zenkohlakalo.

23. Wanga ke uThixo woxolo ngokwakhe anganingcwalisa niphelelisekile; uthi, ugqibelele owenu umoya nomphefumlo nomzimba, ugcinwe ngokungenakusoleka ekufikeni kweNkosi yethu uYesu Kristu.

24. Uthembekile onibizayo, oya kukwenza nokukwenza oko.

25. Bazalwana, sithandazeleni.

26. Babuliseni abazalwana bonke ngolwango olungcwele.

27. Ndiyanifungisa iNkosi ukuba le ncwadi ileswe kubo bonke abazalwana abangcwele.

28. Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani. Amen.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasetesalonika 5