Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasetesalonika 5:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku ngawo amaxesha namathuba, bazalwana, akufuneki nganto ukuba ndinibhalele;

2. kuba nani ngokwenu niyazi ngokucacileyo, ukuba imini yeNkosi, njengesela ebusuku, yenjenjalo ukuza kwayo.

3. Kuba xenikweni baya kuthi, Luxolo nokunqaba, oko baya kufikelwa yintshabalaliso ngebhaqo, kwanjengenimba komithiyo; baye bengayi kukha basinde.

4. Ke nina, bazalwana, ànisebumnyameni, ukuba imini leyo iniqubule njengesela.

5. Nonke nina ningabokukhanya, abemini; asingabobusuku, asingabobumnyama.

6. Ngoko ke masingalali, njengabanye aba; masiphaphe sibe ziingcathu.

7. Kuba abaleleyo balala ebusuku; nabanxilayo banxila ebusuku.

8. Ke thina bangabemini masibe ziingcathu; masinxibe isigcina-sifuba sokholo nothando, nesigcina-ntloko esilithemba losindiso.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasetesalonika 5