Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasetesalonika 3:7-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ngenxa yoko sithuthuzelekile, bazalwana, nini, kuyo yonke imbandezelo nengxakeko yethu ngalo ukholo lwenu;

8. ngokuba ngoku siphilile, ukuba nina nithi nime eNkosini.

9. Kuba singámbuyekeza ngambulelo mni na uThixo ngani, kulo lonke uvuyo esivuya ngalo ngenxa yenu phambi koThixo wethu,

10. ubusuku nemini síkhunga ngokugqithiseleyo kakhulu, ukuba sibubone ubuso benu, sikuzalise ukusilela kokholo lwenu?

11. Wanga ke uThixo ngokwakhe, uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu, angayilungisa indlela yethu yokuza kuni.

12. Yanga ke iNkosi inganandisa, inityebise eluthandweni, omnye komnye nakubo bonke, kwanjengokuba nathi sisenjenjalo kuni;

13. ukuze izizimase iintliziyo zenu, zingabi nakusoleka, zibe ngcwele phambi koThixo uBawo wethu, ekufikeni kweNkosi yethu uYesu Kristu nabo bonke abangcwele bayo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasetesalonika 3