Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasetesalonika 3:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kungoko kwathi, singasenakuzibamba, kwakholeka kuthi ukuba sisale eAtene sedwa.

2. Sathuma uTimoti, umzalwana wethu, umlungiseleli kaThixo, osebenza nathi ezindabeni ezilungileyo zikaKristu, ukuze anizimase, anivuselele ngenxa yokholo lwenu,

3. kungabikho namnye ushukunyiswayo zezi mbandezelo; kuba nisazi ngokwenu ukuba simiselwe zona.

4. Kuba xenikweni besikuni, sanixelela ngenxa engaphambili ukuba siza kubandezelwa; njengokuba kwaba njalo, nani niyazi.

5. Ngenxa yoko nam ndithe, ndingasenakuzibamba, ndathumela ukuba ndilwazi ukholo lwenu, hleze abe unihendile uMhendi, saba sifumane sabulaleka.

6. Ngoku ke uTimoti, efikile nje kuthi evela kuni, wasishumayeza iindaba ezilungileyo zokholo nezothando lwenu; nokuba nihlala ninokusikhumbula okuhle, nilangazelela ukusibona, kwanjengokuba nathi silangazelela ukunibona.

7. Ngenxa yoko sithuthuzelekile, bazalwana, nini, kuyo yonke imbandezelo nengxakeko yethu ngalo ukholo lwenu;

8. ngokuba ngoku siphilile, ukuba nina nithi nime eNkosini.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasetesalonika 3