Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasetesalonika 2:4-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Sithi, njengoko sicikidiweyo nguThixo, ukuba siphathiswe iindaba ezilungileyo, senjenjalo ukuthetha; singangi sikholisa abantu, kuba sikholisa uThixo ozicikidayo iintliziyo zethu.

5. Kuba kananjalo, njengoko naziyo, asizanga sibe nantetho yakucengacenga, namkhusane wakubawa, uThixo ulingqina;

6. singafuni nokufuna luzuko bantwini, nokuba kukuni, nokuba kukwabanye; nakuba besinokuba ngumthwalo ngokwabapostile* bakaKristu.

7. Thina ke sisuke sathantamisa phakathi kwenu njengomdlezana osukuba ebagcinile abakhe abantwana;

8. ngokunjalo sinilangazelela nje, kwakholeka kuthi ukuba singaneli kunábela iindaba ezilungileyo zikaThixo nje kodwa, sinabéle nobomi bethu, ngenxa enokuba naba ziintánda kuthi.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasetesalonika 2