Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasetesalonika 1:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UPawulos noSilvano noTimoti babhalela ibandla labaseTesalonika elikuThixo uYise, neNkosi yethu uYesu Kristu; bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.

2. Sihlala sibulela kuye uThixo ngenxa yenu nonke; sinikhumbula emithandazweni yethu;

3. singayeki ukuwukhumbula umsebenzi wenu wokholo, nokubulaleka kwenu kothando, nokunyamezela kwenu kokuthemba iNkosi yethu uYesu Kristu, phambi koThixo uBawo wethu;

4. sikwazi, bazalwana bathandiweyo nguThixo, ukunyulwa kwenu.

5. Ngokuba iindaba ezilungileyo zethu azibangakho kuni ngantetho yodwa; zabakho nangamandla, nangoMoya oyiNgcwele, nangenkoloseko enkulu, njengoko naziyo ukuba saba ngabanjani na phakathi kwenu ngenxa yenu.

6. Nani naba ngabaxelisa thina nayo iNkosi, nalamkelayo nje ilizwi nisembandezelweni eninzi, ninovuyo loMoya oyiNgcwele;

7. nada naba yimifuziselo kubo bonke abakholwayo, abakwelaseMakedoni nelaseAkaya.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasetesalonika 1