Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 9:18-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Uyintoni na ke ngoko umvuzo wam? Ukúkuthi, ndakuzishumayela iindaba ezilungileyo, ndizenze zingabi nandleko iindaba ezilungileyo zikaKristu, ukuba ndingalisebenzisi igunya lam ezindabeni ezilungileyo ezi.

19. Kuba ndikhululekile nje kubo bonke, ndizikhonzisile kubo bonke, ukuze ndibazuze abona baninzi.

20. KumaYuda ndaba njengomYuda, ukuze ndiwazuze amaYuda; kwabo baphantsi komthetho ndaba njengophantsi komthetho, ukuze ndibazuze abaphantsi komthetho;

21. kwabo bangenamthetho, ndaba njengongenamthetho (ndingenguye phofu ongenamthetho kuThixo, ndingosemthethweni kuKristu), ukuze ndibazuze abangenamthetho;

22. kwabo bangenamandla, ndaba njengongenamandla, ukuze ndibazuze abangenamandla; kubo bonke ndesuka ndaba ziinto zonke, ukuze ngeendlela zonke ndisindise inxenye.

23. Oko ke ndakwenza ngenxa yeendaba ezilungileyo, ukuze ndibe lidlelane nabo ngazo.

24. Anazi na, ukuba abo babalekayo elugqatsweni, babaleka bonke okunene, kodwa ke mnye owamkelayo umvuzo? Balekani ngokunjalo ke, ukuze nizuze.

25. Bonke ke abantu abazamayo, baba ziingcathu ezintweni zonke. Bona abo ke okunene benzela ukuze bazuze isithsaba esinokonakala; kodwa thina, esingenakonakala.

26. Mna ke ngoko ndenjenjalo ukubaleka, ndingangi andiqondi; ndenjenjalo ukugalela ngenqindi, ndingangi ndibetha umoya;

27. ndisuka ndiwuqobe umzimba wam, ndiwuxinzelele phantsi, hleze ndithi, ndakuba ndizivakalisile iindaba ezilungileyo kwabanye, ndibe mna ndingumlahlelwa phandle.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 9