Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 9:11-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Ukuba ke thina sanihlwayelela izinto ezizezoMoya, yinto enkulu na, ukuba siya kuvuna izinto zenu ezizezenyama?

12. Ukuba abanye babelana ngokwenza ngeli gunya kuni, asikukhona singénjenjalo na thina ngakumbi? Asilisebenzisanga ke elo gunya; sisuka sithwale izinto zonke, ukuze singazibambezeli nganí iindaba ezilungileyo zikaKristu.

13. Anazi na ukuba abo bazisebenzayo izinto ezingcwele badla okwetempile, abo bahlala behleli esibingelelweni bahlulelana nesibingelelo eso?

14. Ngokunjalo neNkosi le yabamisela abazazisayo iindaba ezilungileyo, ukuba baphile ngeendaba ezilungileyo ezi.

15. Ke mna andiphathanga nanye kwezo zinto. Ezi ndawo andizibhaleli ukuze kwenjiwe njalo kum; kuba bekungandilungelayo kanye ukuba ndife, kunokuba ubani alilambathise iqhayiya lam.

16. Kuba xa ndithi ndizishumayele iindaba ezilungileyo, andinaqhayiya; kuba ndimelwe kukuzishumayela. Yeha ke mna, ukuba ndisuka ndingazishumayeli iindaba ezilungileyo!

17. Kuba xa ndikwenzayo oko ndínokuzithandela, ndoba ndinomvuzo; ke xa ndikwenza ndingenakuzithandela, ndoba ndingophathiswe ubugosa nje.

18. Uyintoni na ke ngoko umvuzo wam? Ukúkuthi, ndakuzishumayela iindaba ezilungileyo, ndizenze zingabi nandleko iindaba ezilungileyo zikaKristu, ukuba ndingalisebenzisi igunya lam ezindabeni ezilungileyo ezi.

19. Kuba ndikhululekile nje kubo bonke, ndizikhonzisile kubo bonke, ukuze ndibazuze abona baninzi.

20. KumaYuda ndaba njengomYuda, ukuze ndiwazuze amaYuda; kwabo baphantsi komthetho ndaba njengophantsi komthetho, ukuze ndibazuze abaphantsi komthetho;

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 9