Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 7:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku, ngokubhekisele kwiindawo enandibhalela ngazo, ndithi, Kumlungele umntu ukuba angamchukumisi umntu oyinkazana.

2. Kodwa ke, ngenxa yoomibulo, elowo makabe nowakhe umfazi, athi elowo abe neyakhe indoda.

3. Indoda mayimenzele okumfaneleyo umfazi wayo; enjenjalo ke nomfazi endodeni yakhe.

4. Umfazi akanagunya kowakhe umzimba, yindoda enalo; kwangokunjalo ke, nendoda ayinagunya kowayo umzimba, ngumfazi onalo.

5. Musani ukwala ukuhlangana, ningathanga nibe nivumelene okomzuzwana, ukuze ke nibe nethuba lokuzila ukudla nelokuthandaza; nibuye nihlangane ndawonye, ukuze anganihendi uSathana ngenxa yentswela-kuzeyisa kwenu.

6. Ndisitsho nje, ndiyabonisa; anidithumi mntu.

7. Kuba ndinga bonke abantu bangaba njengam nje; kodwa ke elowo unesakhe isipho, asibabalwe nguThixo; omnye uba naso ngokunje, omnye abe naso ngokunjeya.

8. Ndithi ke kwabangazekanga nabangendanga, nakubahlolokazi, kubalungele ukuba bathe bahlala njengam nje.

9. Kodwa ke, ukuba abanakuzeyisa, mabazeke, mabende, kuba kukhona kulungileyo ukuba kuzekwe, kwendiwe, kunokutshiseka.

10. Ke kaloku abazekileyo nabendileyo ndiyabathethela, phofu ingendim, iyiNkosi; ndithi, Umfazi makangahlukani nendoda

11. (ke ukuba uthe wahlukana nayo, makahlale angendi, okanye makaxolelaniswe nendoda yakhe); indoda mayingamali umfazi wayo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 7