Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 6:18-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Wubalekeni umbulo. Zonke izono athe umntu wazenza, zingaphandle komzimba; ke lowo wenza umbulo, wona owakhe umzimba.

19. Anazi na, ukuba umzimba wenu uyitempile yoMoya oyiNgcwele ongaphakathi kwenu, eninaye evela kuThixo; nokuba ke aningabenu?

20. Kuba nathengwa ngexabiso. Mzukiseni ke uThixo ngomzimba wenu nangomoya wenu, izinto ezizezikaThixo ezo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 6