Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 6:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kukho na umntu kuni, enendawo ngakomnye, onobuganga bokummangalela phambi kwabangemalungisa, angammangaleli phambi kwabangcwele?

2. Anazi na, ukuba abangcwele aba baya kuligweba ihlabathi? Ukuba ke ihlabathi ligwetywa phambi kwenu, anikufanele na ukuwathetha awona mancinanana amatyala?

3. Anazi na, ukuba siya kugweba izithunywa zezulu? Kobeka phi na ke kwizinto zobu bomi?

4. Xa sukuba ke ngoko nisiya ematyaleni ngezinto zobu bomi, nimisa abo bangento kulo ibandla, ukuba kugwebe bona na?

5. Nditsho ukuze nidane. Kude akwabakho noko sisinye na isilumko phakathi kwenu, esingaba nako ukulamla phakathi kwabo abazalwana?

6. Usuka umzalwana amangalelane nomzalwana, athi noko akwènze phambi kwabangakholiweyo.

7. Seninciphile ke kanye ngokokuthi nimangalelane. Yini na ukuba ningàthi kanye nivume ukoniwa? Yini na ukuba ningàthi kanye nivume ukulunyukiswa?

8. Nisuka nina none abanye, nilumkise, nako oko nibe nikwenza kubazalwana.

9. Anazi na, ukuba abangemalungisa abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo? Musani ukulahlekiswa; abenza umbulo, nabakhonzi bezithixo, nabakrexezi, nezifebe, namadoda alalanayo, namasela, namabawa,

10. namanxila, nabatshabhisi, nabaphangi, abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 6