Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 4:14-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Ezo nto andizibhaleli ukuba nidane; ndiyaniluleka njengabantwana bam abathandekayo.

15. Kuba ningafanelana ninabakhaphi bemawaka alishumi kuKristu, àbabaninzi bona ooyihlo; kuba kuKristu Yesu nizelwe ndim lo, ngazo iindaba ezilungileyo.

16. Ndiyaniyala ngoko, yibani ngabaxelisa mna.

17. Ngenxa yoko ndinithumele uTimoti, ongumntwana wam oyintánda, othembekileyo, waseNkosini, oya kunikhumbuza iindlela zam ezikuKristu, njengoko ndifundisayo ezindaweni zonke, kuwo onke amabandla.

18. Ke kaloku inxenye ithe yakhukhumala, ngathi andiyi kuza kuni.

19. Ndiya kuza ke kuni kamsinya, ukuba iNkosi ithe yavuma, ukuze ndinganeli kukwazi ukuthetha kwabakhukhumeleyo, ndazi amandla abo.

20. Kuba ubukumkani bukaThixo abusekuthetheni, busemandleni.

21. Nithanda kuphi na, kuko ukuza kuni ndinoswazi, kuko ukuza ndinothando, nomoya wobulali?

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 4