Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 3:16-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Anazi na ukuba niyitempile kaThixo? Anazi na ukuba uMoya kaThixo umi ngaphakathi kwenu?

17. Ukuba umntu uyayonakalisa itempile kaThixo, uThixo womonakalisa lowo; kuba itempile kaThixo ingcwele; ninjalo ke.

18. Makungabikho namnye uzikhohlisayo. Ukuba umntu uba usisilumko phakathi kwenu kweli phakade, makabe sisidenge, ukuze abe sisilumko.

19. Kuba ubulumko beli hlabathi bubudenge kuye uThixo; kuba kubhaliwe kwathiwa, Yena uyazibambisa izilumko kubuqhetseba bazo;

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 3