1. Nam ke, bazalwana, bendingenakuthetha kuni njengakwaboMoya; bendinokuthetha njengakwabenyama, njengakwabaziintsana kuKristu.
2. Ndaniseza amasi, andaninika kudla kuqinileyo; kuba nibe ningekabi nakomelela, unangoku anikabi nako.
3. Kuba nisengabenyama; oku nje kukhoyo phakathi kwenu umona, neenkani, neembambaniso, aningabenyama na? Anihambi ngokwabantu na?
4. Kuba xa uthile athi, Mna ndingokaPawulos, athi wumbi, Mna ndingoka-Apolo, aningabenyama na ke?