Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 2:3-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Mna kuni ndafika ndaba ngothambileyo, onokoyika, onokugubha okukhulu.

4. Nokuthetha kwam, nokuvakalisa kwam uKristu kube kungengamazwi oyisa ngabulumko babantu; bekungokuqondakalisa koMoya nokwamandla,

5. ukuze ukholo lwenu lungabi sebulumkweni babantu, lube semandleni kaThixo.

6. Ke sithetha ubulumko phakathi kwabagqibeleleyo, ubulumko ke obungebubo obeli phakade, nobabaphathi beli phakade ababhangayo.

7. Sithetha ubulumko bukaThixo obusemfihlekweni, obo ke bufihlakeleyo, awathi uThixo ngenxa engaphambili, kwangaphambi kwawo amaphakade, wabumisela uzuko lwethu;

8. ekungabangakho namnye wabaphathi beli phakade ubaziyo (kuba, ukuba babebazi, ngebangayibethelelanga emnqamlezweni iNkosi yozuko),

9. njengoko ke kubhaliweyo, kwathiwa,Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe,Nezingathanga qatha entliziyweni yomntu,Zizo uThixo awazilungisela abo bamthandayo.(UIsaya 64:4)

10. UThixo wazityhila kuthi ke ngoMoya wakhe; kuba uMoya uphengulula zonke izinto, neenzulu zikaThixo.

11. Kuba nguwuphi na kubantu ozaziyo izinto zomntu, ingenguwo umoya womntu okuye? Ngokunjalo nezinto zikaThixo akukho namnye uzaziyo, ingenguye uMoya kaThixo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 2