Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 2:12-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Ke thina asamkelanga moya wehlabathi; samkéle uMoya ophuma kuye uThixo, ukuze sizazi izinto esazibabalwa nguThixo;

13. esizithethayo nokuzithetha, kungengamazwi anokufundiswa bubulumko babantu, kungawo anokufundiswa nguMoya oyiNgcwele: izinto ezizezomoya sizilungelelanisa namazwi la angawomoya.

14. Owemvelo ke umntu akazamkeli izinto zoMoya kaThixo; kuba zibubudenge kuye; kanjalo akanakuzazi, ngokuba ziphicothwa ngokoMoya.

15. Ke ongowoMoya okunene uphicotha zonke izinto, kodwa yena ngokwakhe akaphicothwa mntu.

16. Kuba ngubani na oyaziyo ingqiqo yeNkosi, oya kuthi ayifundise? Thina ke sinengqiqo kaKristu.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 2