Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 16:3-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ke ndakuba ndifikile, enisukuba nibacikidile nakholwa ngabo, ndobathuma bona benencwadi, base isipho senu esi eYerusalem.

4. Ke ukuba kuthe kwabonakala ukuba nam ndiye, bohamba kunye nam.

5. Ndiya kuza ke kuni, xa ndithe ndacanda kwelaseMakedoni, kuba ndiya kwanela ukucanda nje kwelaseMakedoni.

6. Ke kuni mhlawumbi ndingáthi ndihlale ndidlulise nobusika, ukuze nina nindiphelekelele apho ndisukuba ndisiya khona.

7. Kuba andithandi ukuba ndinibone ngoku ndidlulayo; kodwa ndithemba ukuba ndokha ndihlale kuni ixesha elithile, ukuba iNkosi ithe yavuma.

8. Ndiya kuhlala ke e-Efese kude kubekho ipentekoste;*

9. kuba ndivulelwe umnyango omkhulu onamandla, bebaninzi nabachasi.

10. Ke kaloku, ukuba uTimoti uthe wafika, ize nikhangele ukuba angabi nakoyika phakathi kwenu; kuba uyawusebenza umsebenzi weNkosi, kwanjengam.

11. Ize kungabikho bani ngoko umenza into engento. Mphelekeleleni ke nixolile, ukuze eze kum; kuba ndimlindile kunye nabazalwana.

12. Ke kaloku, ngaye uApolo umzalwana, ndamvuselela kakhulu, ukuba eze kuni kunye nabazalwana. Kuye akubangakho kanye ukuthanda ukuza okwakalokunje; woza ke, xa athe wanethuba elilungileyo.

13. Phaphani, yimani elukholweni; yibani ngamadoda; yomelelani.

14. Zonke izinto zenu mazenziwe ninothando.

15. Ke kaloku ndiyanivuselela, bazalwana (niyayazi indlu kaStefana, ukuba iyintlahlela yelaseAkaya, nokuba bazimisele ukulungiselela abangcwele),

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 16