Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 16:14-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Zonke izinto zenu mazenziwe ninothando.

15. Ke kaloku ndiyanivuselela, bazalwana (niyayazi indlu kaStefana, ukuba iyintlahlela yelaseAkaya, nokuba bazimisele ukulungiselela abangcwele),

16. ukuze nani nibalulamele abanjalo, nabo bonke abasebenzisana nathi emsebenzini, nababulalekayo.

17. Ndiyavuya ke ngokufika kukaStefana noFortunato noAkayiko; ngokuba bakwenzelelele bona ukungabikho kwenu;

18. kuba bawuphumzile umoya wam nowenu. Bazini kakuhle ngoko abanjalo.

19. Ayanibulisa amabandla kaThixo akwelaseAsiya. Bayanibulisa kunene eNkosini uAkwila noPrisila, kunye nebandla elisendlwini yabo.

20. Bayanibulisa abazalwana bonke. Bulisanani ngolwango olungcwele.

21. Umbuliso ungesam isandla, mna Pawulos.

22. Ukuba ubani akayithandi iNkosi uYesu Kristu, makasingelwe phantsi.

23. INkosi iyeza. Ubabalo lweNkosi uYesu Kristu malube nani.

24. Uthando lwam malube nani nonke bakuKristu Yesu. Amen.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 16