Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 15:52-58 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

52. ngesiquphe, ngephanyazo, ngexilongo lokugqibela. Kuba liya kulila ixilongo, bavuke abafileyo bengenakonakala, senzìwe ngakumbi ke thina.

53. Kuba kumele oku konakalayo ukwambatha ukungonakali, noku kufayo ukwambatha ukungafi.

54. Xa ke oku konakalayo kuthe kwambatha ukungonakali, noku kufayo kuthe kwambatha ukungafi, liya kwandula ukwenzeka ilizwi elibhaliweyo lokuthi, Ukufa kufincelwe eloyisweni.

55. Luphi na, kufa, ulwamvila lwakho? Luphi na, Hadesi,* uloyiso lwakho?

56. Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho.

57. Makubulelwe ke kuThixo osinikayo uloyiso olo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu.

58. Ngoko ke, bazalwana bam abaziintánda, qinani, ningabi nakushukuma; nihlale niphuphuma umsebenzi weNkosi, nisazi nje ukuba ukubulaleka kwenu akulambathi eNkosini.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 15