Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 15:47-55 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

47. Owokuqala umntu uphume emhlabeni, ungowomhlaba; owesibini umntu, iNkosi, uphume emazulwini.

48. Into ayiyo owomhlaba, bakwayiyo abomhlaba; kanjalo nento ayiyo osemazulwini, bakwayiyo abasemazulwini;

49. njengokuba sawambathayo umfanekiselo wowomhlaba, siya kuwambatha nomfanekiselo wosemazulwini.

50. Ke, bazalwana, nditsho ukuthi, inyama negazi azinako ukubudla ilifa ubukumkani bukaThixo; nokonakala akunakukudla ilifa ukungonakali.

51. Yabonani, ndinixelela imfihlelo: Okunene asiyi kulala ukufa sonke; kodwa siya kwenziwa ngakumbi sonke,

52. ngesiquphe, ngephanyazo, ngexilongo lokugqibela. Kuba liya kulila ixilongo, bavuke abafileyo bengenakonakala, senzìwe ngakumbi ke thina.

53. Kuba kumele oku konakalayo ukwambatha ukungonakali, noku kufayo ukwambatha ukungafi.

54. Xa ke oku konakalayo kuthe kwambatha ukungonakali, noku kufayo kuthe kwambatha ukungafi, liya kwandula ukwenzeka ilizwi elibhaliweyo lokuthi, Ukufa kufincelwe eloyisweni.

55. Luphi na, kufa, ulwamvila lwakho? Luphi na, Hadesi,* uloyiso lwakho?

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 15