Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 15:36-48 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

36. Msweli-kuqonda wena, into oyihlwayelayo ayenziwa iphile, ukuba ayikhanga ife.

37. Kanjalo loo nto uyihlwayelayo, akuhlwayeli sona isiqu sento esiya kubakho; uhlwayela ukhozo nje, lungáthi lube lolwengqolowa, nokuba lolwezinye iintlobo;

38. uThixo ke ulunika isiqu, njengoko athandileyo; iyileyo imbewu uyinika esisesayo isiqu.

39. Yonke inyama ayinyama-nye; enye yinyama yabantu, enye yinyama yeenkomo, enye yeyeentlanzi, enye yeyeentaka.

40. Kukho iziqu ezisezulwini, neziqu ezisemhlabeni; bubodwa ubuqaqawuli bezasezulwini, bubodwa obezasemhlabeni.

41. Bubodwa ubuqaqawuli belanga, bubodwa ubuqaqawuli benyanga, bubodwa ubuqaqawuli beenkwenkwezi; kuba inkwenkwezi iyahluka kwenye inkwenkwezi ngobuqaqawuli.

42. Lunjalo ke kanye novuko lwabafileyo. Umzimba uhlwayelwa unokonakala, uvuka ungenakonakala.

43. Uhlwayelwa uswele imbeko, uvuka unobuqaqawuli; uhlwayelwa uswele amandla, uvuka unamandla;

44. kuhlwayelwa umzimba ongowemvelo, kuvuka umzimba ongowomoya. Kukho umzimba ongowemvelo, kukho nomzimba ongowomoya.

45. Ngokunjalo kubhaliwe kwathiwa, Owokuqala umntu uAdam waba ngumphefumlo odla ubomi; owokugqibela uAdam waba ngumoya odlisa ubomi.

46. Ke akuqali okomoya; kuqala okwemvelo, kwandule ukuza okomoya.

47. Owokuqala umntu uphume emhlabeni, ungowomhlaba; owesibini umntu, iNkosi, uphume emazulwini.

48. Into ayiyo owomhlaba, bakwayiyo abomhlaba; kanjalo nento ayiyo osemazulwini, bakwayiyo abasemazulwini;

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 15